Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 15:21-39

UMATEWU 15:21-39 XHO96

Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon. Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.” Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.” Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.” Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.” Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.” Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.” Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha. Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi. Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa. Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli. UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.” Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?” Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.