Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 15:21-39

UMATEYU 15:21-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndénzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa; zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli. Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni. Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amané amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

UMATEYU 15:21-39 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon. Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.” Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.” Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.” Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.” Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.” Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.” Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha. Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi. Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa. Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli. UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.” Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?” Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.

UMATEYU 15:21-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Kodwa akamphendulanga nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule; ngokuba uyakhala emva kwethu. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe ngokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. Emka apho uYesu, weza ngaselwandle lwaseGalili; wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa. Zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli. Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

UMATEYU 15:21-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza u‐Yesu wapuma apo, wemkela kwizahlulo zase‐Tire ne‐Tsidone. Kekaloku bona ke, um‐Kananekazi wavela kuleyomida wadandulukela kuye, esiti: Yiba netaṙu kum, Nkosi, nyana ka‐Davide! intombi yam ingenelwe yidemoni kakubi. Kodwa akampendula nalinye ilizwi. Bada beza abadisipile bake bamtandaza, besiti: Mndulule; ngokuba ekala emva kwetu. Koko wapendula wati: Nditunyelwe ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli kupela. Waselesiza wambedesha, esiti: Nkosi, ndisize! Koko wapendula wati: Akufanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. Wayesiti: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya kwimvutuluka eziwayo etafileni yabanini bazo. Wandula wapendula u‐Yesu wati kuye: Hai, mfazi! lukulu ukolo lwako; makube njalo kuwe njengokutanda kwako. Yaza intombi yake yapiliswa kwa ngeloxeshana. Kekaloku wesuka apo u‐Yesu weza ngaselwandle lwase‐Galili, wenyukela entabeni, wahlala pantsi kona. Zati izihlwele ezininzi zeza kuye, zizisa nazo iziqwala, imfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zabawisa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu; waza wabapilisa; zada zati nqa izihlwele, zakubona izidenge ziteta, izilima zipilile, iziqwala zihamba, nemfama zibona; zaza zamdumisa UTIXO wo‐Sirayeli. Wandula u‐Yesu wabiza abadisipile bake, wati: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya; kanjalo anditandi ukubandulula bengatyanga, hleze bacubuke endleleni. Baza abadisipile bake bati kuye: Sozuza pina entlango izonka ezininzi kangaka, ukuba sihlutiswe isihlwele esingakanana? Wayesiti kubo u‐Yesu: Zingapina izonka eninazo? Bati ke: Zisixe̔nxe, nento encinane yentlanzana. Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe nentlanzi, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, nabadisipile banikela kwisihlwele. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe zizele. Kekaloku abo babesitya bebengamawaka mane amadoda, ngapandle kwabafazi nabantwana. Wati akuba ezindulule izihlwele, wangena enqanaweni, weza emideni yase‐Magadala.