Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum. Kwaye kukho umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumphilisa umkhonzi wakhe. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; Kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu. Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize kuwe; thetha ngezwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, wajika, wathi kwindimbane ebimlandela, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile. Kwathi ngengomsomnye waya emzini ekuthiwa yiNayin; Kwaye kuhamba naye into eninzi yabafundi bakhe, nendimbane enkulu. Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Ithe ke yona, Mfana, ndithi kuwe, Vuka! Wavuka wahlala umfi lowo, waza wathetha. Waza wamnikela kunina. Baza bankwantya bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; nokuthi, uThixo ubavelele abantu bakhe. Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke. Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na? okanye sikhangele enye? Efikile kuye amadoda lawo, athi, uYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, wena? okanye sikhangele enye? Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo; wathi ke iimfama ezininzi wazibabala ukubona. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti. Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye. Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Kodwa bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.