Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 7:1-30

ULUKA 7:1-30 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum. Kwaye kukho umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumphilisa umkhonzi wakhe. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; Kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu. Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize kuwe; thetha ngezwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, wajika, wathi kwindimbane ebimlandela, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile. Kwathi ngengomsomnye waya emzini ekuthiwa yiNayin; Kwaye kuhamba naye into eninzi yabafundi bakhe, nendimbane enkulu. Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Ithe ke yona, Mfana, ndithi kuwe, Vuka! Wavuka wahlala umfi lowo, waza wathetha. Waza wamnikela kunina. Baza bankwantya bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; nokuthi, uThixo ubavelele abantu bakhe. Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke. Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na? okanye sikhangele enye? Efikile kuye amadoda lawo, athi, uYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, wena? okanye sikhangele enye? Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo; wathi ke iimfama ezininzi wazibabala ukubona. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti. Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye. Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Kodwa bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.

ULUKA 7:1-30 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum. Waye ke umkhonzi womthethelikhulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Úkufanele oko lowo ùngamenzelayo oko; kuba úyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena. Wahamba ke uYesu nabo. Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; kungoko nam ndingàkufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wóphiliswa umkhonzi wam; kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile. Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu. Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka. Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina. Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe. Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke. Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. Ke kaloku, bakubon' ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Nayé niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. Nayé niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, nóde wagqithisa kumprofeti. Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. (UMal. 3:1) Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye. Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.

ULUKA 7:1-30 IBHAYIBHILE (XHO96)

Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum. Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa. Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe. Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu, kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.” UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam. Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam. Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.” Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.” Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile. Emva koko uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekunye neqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu. Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho. Ithe ke iNkosi, yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.” Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!” Wavuka wathi qwa umfi lowo, waza wathetha. INkosi ke yamnikela kunina. Bonke ke bangenwa luloyiko, bamdumisa uThixo, besithi: “Kuvele *umshumayeli omkhulu phakathi kwethu;” batsho besithi: “UThixo ubavelele abantu bakhe.” Ke ezi ndaba zingaye uYesu zavakala kulo lonke elakwaJuda, nakuwo wonke loo mmandla. Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto. UYohane ke, ebize babini kubafundi bakhe, wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?” Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ” Ke kaloku, kwangelo xesha, uYesu wayephilisa abaninzi kwizifo zabo, nakwizibetho zabo, nakwiindimoni, waza neemfama ezininzi wazinika ukubona. Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi. Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!” Bakuba bemkile abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanya-zanyiswa ngumoya? Naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo banxiba izivatho eziqaqambileyo, badle amanqatha elizwe, ngabasezindlwini zookumkani. Ngaba naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumshumayeli na? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena *ungumshumayeli ngokupheleleyo. UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi: “ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela, sikugabulele izigcawu.’ “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.” Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.

ULUKA 7:1-30 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WATI emvenikweni abegqibele zonke iziteto zake ekuveni kwabantu, wangena e‐Kapenayume. Kekaloku isicaka senkosikulu etile, esibe sibekwa yiyo, sasisifa, siza kububa. Yati yakuva ngaye u‐Yesu, yatuma kuye abadala bama‐Juda, imtandaza ukuba eze asipilise isicaka sayo. Kekaloku bakufika ku‐Yesu, banxamela ukumbongoza, besiti: Ufanele lowo uya kumenzela oku; ngokuba etanda uhlanga lwetu, enguye kanjalo owasakela indlu yentlanganiso yetu. Waza u‐Yesu wahamba nabo. Wati akuba engekabi kude endlwini, inkosikulu yatuma izihlobo kuye, isiti kuye: Nkosi! ungakatazeki; ngokuba ndingafanelekile ukuba ungene ngapantsi kwentungo yendlu yam: ngoko kanjalo andaba ndifanele mna ngokwam ukuza kuwe: zutete ngelizwi, sasiya kuti isicaka sam sipiliswe. Ngokuba nam ndingumntu omiswayo pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye; nakwelinye: Yiza! lize; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke. Waza u‐Yesu akuva ezizinto wayitela nqa, wajika wati kwisihlwele esibe simlandela: Nditi kuni, andifumananga lukolo olungaka nakwa‐Sirayeli. Baza abo babetunyiwe babuyela endlwini, basifumana isicaka esibe sisifa sipilile. Kwaye kute ngolandelayo umhla, waya esixekweni esibizwa ngokutiwa yi‐Nayine: kwaza kwampeleka into eninzi yabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu. Kekaloku xeshekweni ebesondela esangweni lesixeko, bona ke, bekutwalelwa pandle umntu ofileyo, ekupela kwomntwana wonina, naye yena ebengumhlolokazi: saye sinaye isihlwele esikulu sasesixekweni. Yati INKOSI yakumbona, yabetwa lusizi ngaye, yati kuye: Ungalili. Yayisiza yacu̔kumisa itala; bati abatwali bema. Yaza yati: Ndodana! nditi kuwe, vuka. Wasuka wahlala ofileyo, waqala ukuteta. Yaza yamnikela kunina. Babanjwa kukwoyika ke kwa bonke, baye bedumisa UTIXO, besiti: Umprofite omkulu uvukile pakati kwetu; nakanjalo: UTIXO ubakangele abantu bake. Yaza lendaba ngaye yapumela kuyo yonke i‐Judeya, nakulo lonke ilizwe langakona. Kwaye kushunyayelwa ku‐Johane ngabadisipile bake ngazo zonke ezizinto. Waza u‐Johane wabiza ababini bakubadisipile bake, wabatuma ku‐Yesu, esiti: Unguye ozayo na, silinde omnye kusinina? Kekaloku akufika kuye amadoda lawo, ati: u‐Johane umbapitizeshi usitumile kuwe, esiti: Unguye ozayo na, silinde omnye kusinina? Wati ke ngelona xeshana wapilisa abaninzi ezifeni, nasezibulaweni, nakomoya abakohlakeleyo; nemfama ezininzi wazipa ukubona. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Hambani nishumayeze u‐Johane izinto enizibonileyo nenizivileyo; zokuba imfama ziyamkela ukubona kwazo, iziqwala ziyahamba, amaleperi ayahlanjululwa, izitulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu indaba ezilungileyo ziyashunyayelwa kuwo. Kanjalo unetamsanqa osukuba engaxakaniswa ngam. Kekaloku zakuba zimkile izitunywa zika‐Johane, waqala ukuti kwizihlwele ngaye u‐Johane: Nipumele entlango ukuya kubonela nto nina? ingcongolo izanyazanyiswa ngumoya na? Kodwa nipumile ukuya kubona nto nina? umntu evatisiwe ngezivato ezitambileyo na? bona ke, abo bahleli ekuvateni okubungcwalisa nasebuyolweni basezindlwini zokumkani. Kodwa nipumile ukuya kubona nto nina? umprofite na? ewe, nditi kuni, nogqitisele umprofite. Nguye lo kuba̔liwe ngaye ukuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako. Ngokuba ndisiti kuni: Pakati kwabazelweyo ngabafazi akuko namnye umprofite omkulu ku‐Johane umbapitizeshi; kodwa lowo umncinane kwabanye ebukumkanini BUKATIXO umkulu kuye. Baza bonke abantu bakuva, kwa nababuti beminikelo, bavumela ukulunga KUKATIXO, bebapitizeshiwe ngobapitizesho luka‐Johane. Kodwa abafarisi nabaqondisimteto bazilahlela icebo LIKATIXO, bengabapitizeshwanga nguye.