Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? Lowo uzayo kum, aweve amazwi am, awenze, ndonibonisa lowo afana naye; Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.
Funda uLuka 6
Share
Compare All Versions: uLuka 6:46-49
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos