“Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”
Funda ULUKA 6
Share
Compare All Versions: ULUKA 6:46-49
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos