Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 6:46-49

ULUKA 6:46-49 XHO96

“Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”