Kwathi ngesabatha yokuqala, wacanda emasimini; Baza abafundi bakhe bakha izikhwebu, badla, bezihlikihla ezandleni zabo. Abathile baFarasi babesithi kubo: “Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha? Wabaphendula uYesu wathi, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwa phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe, ingengabo ababingeleli bodwa? Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. Kodwa yena ezazi iingcamango zabo, wathi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama, umele phakathi. Uye waphakama wema. Wathi ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza zwi-nye; Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo; saphila ke isandla sakhe, saba nesesinye. Basuka ke bona baphambana; baye bethetha bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu. Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ethandaza kuThixo. Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo abalishumi elinababini, awababiza ngokuba ngabapostile; uSimon, awamthiya igama elinguPetros, noAndreya umzalwana wakhe, noYakobi noYohane, noFilipu, noBhartolomeyu, uMateyu noTomas, uYakobi ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa nguZelote, uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi. Wehla nabo, wema ethafeni, nenkitha yabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bephuma kulo lonke elakwaYuda, neYerusalem, nangaselwandle lwaseTire neTsidon, ababeze kuva kuye ukuba baphiliswe kwizifo zabo; Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifumene intuthuzelo yenu. Yeha, nina bahluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina bahlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.