Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasimini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla. Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?
Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa? Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo. Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:• uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; uMateyu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti; uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.
Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo; nabò babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.
Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi,
Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa.
Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.
Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.
Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba.
Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.