Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 6:1-26

ULUKA 6:1-26 XHO96

Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya. Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?” Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli. ” Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.” Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene. Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela. UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho. Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?” Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe. Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu. Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo. Kwakusa wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinambini, awababiza ngelokuba ngabathunywa. Yayingâba: USimon, awamthiya ngelokuba nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; uMatewu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa liTsha-ntliziyo; uJudas kaYakobi, noJudas Sikariyoti, owaba ngumngcatshi. UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon, beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo. Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke. UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi: “Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo, kuba nilawulwa nguThixo! Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku, kuba niya kuhlutha! Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku, kuba niya kuhleka! “Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo. Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo. “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku. Mawoo, nina bahluthayo ngoku! Nina niya kulamba. Mawoo, nina bahlekayo ngoku! Niya kukhedama nilile nina. “Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.”