Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 4:14-44

uLuka 4:14-44 CXB24

Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; lwaye lwaphuma udumo lwakhe; Wayefundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke. Weza kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Waza wanikwa incwadi yomshumayeli uIsaya. Eyityhilile ke incwadi, wafumana indawo le kubhalwe kuyo, uMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile; Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi. Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe. Ayesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu? Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; Kodwa uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kwaye kukho abantu abaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; akwahlanjululwanga namnye kubo, ingenguNahaman umAram. Bathi bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezi zinto, bazala ngumsindo. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo wemka. Wehla waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, waza wafundisa abantu ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena ukuba ungubani; Lowo Ungcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Ithe ke idemon yamntlala esazulwini, yaphuma kuye, ingamenzakalisanga. Bakhwankqiswa ke bonke, bathetha bodwa, besithi, Lilizwi lini na eli? kuba ubathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume. Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe ngumkhuhlane omkhulu; bambongoza ngenxa yakhe. Wema phezu kwakhe, wawukhalimela umkhuhlane; Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela. Kuthe ke bakubon’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wabeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. Zaye ke neendimoni ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; kuba bezimazi ukuba unguye uKristu. Kwakuba sekusile, waphuma waya endaweni eyintlango. Zaye zimfuna izihlwele, zeza kuye, zamnqanda ukuba angemki kuzo. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. Wayevakalisa ke ezindlwini zesikhungu kwelaseGalili.