ULUKA 4:14-44
ULUKA 4:14-44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke. Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa, UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile, Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi. (UIsaya 61:1-2) Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu? Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela. Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka. Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga. Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume? Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye. Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela. Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu. Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.

ULUKA 4:14-44 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde; waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi: “UMoya weNkosi undongamele, ngoko ke indithambisile; indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo. Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa, nokubuyisela ukubona kwabaziimfama, ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo, ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.” Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.” Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?” UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: “Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo. Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe. Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon. Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.” Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo, besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka. Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu. Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya. Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni. Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!” UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!” Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla. Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye. Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya. Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa. Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.” Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu. Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo. Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.” Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.
ULUKA 4:14-44 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; lwaye lwaphuma udumo lwakhe; Wayefundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke. Weza kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Waza wanikwa incwadi yomshumayeli uIsaya. Eyityhilile ke incwadi, wafumana indawo le kubhalwe kuyo, uMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile; Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi. Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe. Ayesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu? Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; Kodwa uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kwaye kukho abantu abaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; akwahlanjululwanga namnye kubo, ingenguNahaman umAram. Bathi bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezi zinto, bazala ngumsindo. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo wemka. Wehla waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, waza wafundisa abantu ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena ukuba ungubani; Lowo Ungcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Ithe ke idemon yamntlala esazulwini, yaphuma kuye, ingamenzakalisanga. Bakhwankqiswa ke bonke, bathetha bodwa, besithi, Lilizwi lini na eli? kuba ubathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume. Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe ngumkhuhlane omkhulu; bambongoza ngenxa yakhe. Wema phezu kwakhe, wawukhalimela umkhuhlane; Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela. Kuthe ke bakubon’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wabeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. Zaye ke neendimoni ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; kuba bezimazi ukuba unguye uKristu. Kwakuba sekusile, waphuma waya endaweni eyintlango. Zaye zimfuna izihlwele, zeza kuye, zamnqanda ukuba angemki kuzo. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. Wayevakalisa ke ezindlwini zesikhungu kwelaseGalili.
ULUKA 4:14-44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla OMOYA weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona. Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke. Waza wafika e‐Nazarete, apo abe ondlelwe kona: wati kekaloku, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, wesuka wema ukuba aleseshe. Kwaza kwamnikelwa incwadi ka‐Yisaya umprofite. Wati akuba eyitwabulule incwadi, wafumana londawo apo bekuba̔lelwe kona ngokuti: UMOYA KAYEHOVA upezu kwam; ngokokuba enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kumahlwempu; unditumele ukupilisa abantliziyo zigqobokileyo, ukushumayela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwabazimfama ukubuyiswa kwokubona, ukundulula abancinezelweyo bekululekile, ukushumayela umnyaka okolekileyo KAYEHOVA. Waza wasonga incwadi, wayinikela kanjako kumkonzi, wahlala pantsi. Bati bonke abasendlwini yentlanganiso amehlo abo ati nama pezu kwake. Waza waqala ukuti kubo: Namhla nje sizalisekile isiba̔lo esi ezindlebeni zenu. Babemnqi̔nela bonke ke, bawatela nqa amazwi ofefe apumayo emlonyeni wake, bati: Lo asi nguye na unyana ka‐Josefe? Waza wati kubo: Nowuteta kum kambe lomzekeliswana wokuti: Gqir̔a! zipilise: konke esivileyo ukuba kwenziwe e‐Kapenayume, kwenze nalapa emzini wakowenu. Wati kanjako: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mprofite okolekileyo emzini wakowabo. Kodwa ngokwenyaniso nditi kuni: Bebeko abahlolokazi abaninzi emihleni ka‐Elija kwa‐Sirayeli, okuya lalivingcekile izulu ngeminyaka mitatu inenyanga zintandatu, xeshekweni yabiko indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti u‐Elija wayengatunywa nakomnye kubo, watunywa e‐Tsarefate yase‐Tsidone kumfazi obengumhlolokazi kupela. Kanjalo ebeko amaleperi amaninzi ngexesha lika‐Elisha umprofite kwa‐Sirayeli; kanti kwaye kungahlanjwa nalinye kuwo, kwahlanjwa u‐Nahamane um‐Siriya kupela. Baza bati bonke abasendlwini yentlanganiso, bakuva ezizinto, bazaliswa ngumsindo, besuka, bamku̔pela pandle kwesixeko, bamr̔olela kwa semgcipekweni wentaba esibe sakiwe pezu kwayo isixeko sabo, ukuze bamkahlele pantsi. Kodwa yena ecandile pakati kwabo wemka. Waza wehlela e‐Kapenayume, isixeko sase‐Galili, wabafundisa ngemihla yesabata. Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake, ngokuba ilizwi lake belinegunya. Kwaye kuko endlwini yentlanganiso umntu obenomoya wedemoni enco̔lileyo; waza wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele KATIXO. Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. Yaza idemoni yakuba ibimwisile pakati yapuma kuye, ingamenzanga nto. Bahlelwa kukuti nqa ke bonke, batetana omnye nomnye, besiti: Lelanina ilizwi eli, ukuba ebayalela omoya abanco̔lileyo ngegunya nangamandla, bapume ke? Lwaza lwapuma udumo ngaye lwaya kuzo zonke indawo zelizwe langakona. Wati esukile endlwini yentlanganiso, wangena endlwini ka‐Simone. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone wabebanjwa licesine elikulu; baza bamtandaza ngaye. Waza wamongamela, watetisa icesine, lamyeka ke: waselesuka oko wabakonza. Kekaloku nxa ilanga belitshona, bati bonke abo babenabo ababesifa zizifo ngezifo, babazisa kuye; waza wabeka izandla zake pezu kwabo ngabanye ngabanye, wabapilisa. Kanjalo nedemoni zapuma kubaninzi, zidanduluka, zisiti nokuti: Wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO. Waza wati ezitetisa akazivumela ukuba zitete, ngokuba zibe zimazi ukuba unguye u‐Kristu. Kekaloku kwakuba kusile, wapuma waya endaweni elubala; zaza izihlwele zamfuna, zeza kwa kuye, zambambezela ukuba angemki kuzo. Koko wati kuzo: Ndifanele ukushumayela indaba ezilungileyo zobukumkani BUKATIXO nakwezinye izixeko; ngokuba nditunyelwe oku. Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zase‐Galili.