Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 4:14-44

ULUKA 4:14-44 XHO96

UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde; waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi: “UMoya weNkosi undongamele, ngoko ke indithambisile; indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo. Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa, nokubuyisela ukubona kwabaziimfama, ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo, ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.” Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.” Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?” UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: “Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo. Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe. Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon. Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.” Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo, besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka. Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu. Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya. Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni. Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!” UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!” Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla. Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye. Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya. Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa. Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.” Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu. Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo. Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.” Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.