Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu; Kuba niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo, Banoyolo abaziidlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nakwiinduli, Sigubungeleni. Ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo? Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye. Bakufika kwindawo leyo kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Babelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba unguye uKristu, umnyulwa kaThixo. Eza ke kuye amasoldati edlala ngaye, emnika iviniga, besithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise. Kwaye ke kubhalwe nombhalo phezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.