ULUKA 23:27-38

ULUKA 23:27-38 XHO96

Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela. Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu; kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’ Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’ Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?” Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.” Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.” Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye, esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.” Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”