ULUKA 23:27-38
ULUKA 23:27-38 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu; ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni. Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo? Ke kaloku baberhola nabanye abangabámbi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye. Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo. Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi, Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise. Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, LO NGUKUMKANI WAMAYUDA.
ULUKA 23:27-38 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela. Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu; kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’ Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’ Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?” Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.” Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.” Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye, esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.” Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”
ULUKA 23:27-38 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela. Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu; Kuba niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo, Banoyolo abaziidlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nakwiinduli, Sigubungeleni. Ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo? Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye. Bakufika kwindawo leyo kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Babelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba unguye uKristu, umnyulwa kaThixo. Eza ke kuye amasoldati edlala ngaye, emnika iviniga, besithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise. Kwaye ke kubhalwe nombhalo phezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.
ULUKA 23:27-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ebelandelwa sisihlwele esikulu sabantu, nesabafazi, abebesenza isijwili nesililo ngaye. Koko u‐Yesu ejikele ngakubo wati: Zintombi zase‐Yerusaleme! ningalili pezu kwam, kodwa lilani pezu kwenu napezu kwabantwana benu: ngokuba, bona ke, imihla isiza ekuyo kuya kutiwa: Banetamsanqa abazindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. Baya kwandula baqale ukuti ezintabeni: Siweleni; nasezindulini: Sigubungeleni. Ngokuba, xeshekweni bazenza ezizinto kumti oluhlaza, kuya kuhla nto nina kowomileyo? Kwaye kur̔olwa nabanye bebabini, abenzi benkohlakalo, ukuya kubulawa kunye naye. Bati bakufika endaweni ebizwayo ngokuti yeyenkankani, bamkuruseshela kona, kwa nabenzi benkohlakalo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekohlo. Wayesiti u‐Yesu: Bawo! baxolele; ngokuba bengazi into abayenzayo. Bati bezaba ingubo zake, benza amaqashiso. Kekaloku bebemi abantu bebonela. Baza bamsinekela, kwa nabapati kunye nabo, besiti: Wabasindisa abanye, makazisindise yena ngokwake, ukuba lo unguye u‐Kristu, umqashwa KATIXO. Kanjalo namasodati ebemhleka, esiza kuye, emzisela neyasine, esiti nokuti: Ukuba wena ungukumkani wama‐Juda, zisindise. Kwaye kuko nesiba̔lwa siba̔liwe pezu kwake ngamagama angokwama‐Girike, nangokwama‐Roma, nangokwama‐Hebere, sokuti: LO UNGUKUMKANI WAMA‐JUDA.