Ivangeli ka‐Luke 23:27-38

Ivangeli ka‐Luke 23:27-38 XHO1902A

Kekaloku ebelandelwa sisihlwele esikulu sabantu, nesabafazi, abebesenza isijwili nesililo ngaye. Koko u‐Yesu ejikele ngakubo wati: Zintombi zase‐Yerusaleme! ningalili pezu kwam, kodwa lilani pezu kwenu napezu kwabantwana benu: ngokuba, bona ke, imihla isiza ekuyo kuya kutiwa: Banetamsanqa abazindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. Baya kwandula baqale ukuti ezintabeni: Siweleni; nasezindulini: Sigubungeleni. Ngokuba, xeshekweni bazenza ezizinto kumti oluhlaza, kuya kuhla nto nina kowomileyo? Kwaye kur̔olwa nabanye bebabini, abenzi benkohlakalo, ukuya kubulawa kunye naye. Bati bakufika endaweni ebizwayo ngokuti yeyenkankani, bamkuruseshela kona, kwa nabenzi benkohlakalo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekohlo. Wayesiti u‐Yesu: Bawo! baxolele; ngokuba bengazi into abayenzayo. Bati bezaba ingubo zake, benza amaqashiso. Kekaloku bebemi abantu bebonela. Baza bamsinekela, kwa nabapati kunye nabo, besiti: Wabasindisa abanye, makazisindise yena ngokwake, ukuba lo unguye u‐Kristu, umqashwa KATIXO. Kanjalo namasodati ebemhleka, esiza kuye, emzisela neyasine, esiti nokuti: Ukuba wena ungukumkani wama‐Juda, zisindise. Kwaye kuko nesiba̔lwa siba̔liwe pezu kwake ngamagama angokwama‐Girike, nangokwama‐Roma, nangokwama‐Hebere, sokuti: LO UNGUKUMKANI WAMA‐JUDA.