Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho. Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi, Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke; Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli. Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo; ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika. Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo. Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe. uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.