Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 2:25-52

ULUKA 2:25-52 XHO75

Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho, yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi: Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho; Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.• Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon' ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo, bakubon' ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe. Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.