Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 2:25-52

ULUKA 2:25-52 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho, yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi: Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho; Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.• Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon' ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo, bakubon' ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe. Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

ULUKA 2:25-52 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho. Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi, Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke; Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli. Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo; ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika. Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo. Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe. uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

ULUKA 2:25-52 IBHAYIBHILE (XHO96)

EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele. Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi. Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho, uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi: “Nkosi, ngokwesithembiso sakho, uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo, kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, olulungiselele bonke abantu, ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga, lubalula abantu bakho amaSirayeli.” Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo, ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.” Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe, waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini. Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem. Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili. Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye. Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika. Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo. Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe. Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo. Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna. Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza. Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe. Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.” Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?” Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wahamba nabo, waya kufika eNazarete. Wayebalulamela abazali bakhe. Wazigcina unina ezo zinto entliziyweni yakhe. UYesu ke wakhula ngesithomo nangobulumko, ebabalwa nguThixo, ethandwa ngabantu.

ULUKA 2:25-52 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho. Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi, Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke; Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli. Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo; ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika. Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo. Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe. uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

ULUKA 2:25-52 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo UMOYA OYINGCWELE ebepezu kwake. Kwaye kutyilelwa yena NGUMOYA OYINGCWELE, ukuba akayi kubona kufa engekaboni u‐Kristu WENKOSI. Weza ke NGOMOYA etempileni: kekaloku nxa oyise babengenisa umntwana u‐Yesu, ukuba bamenzele ngesiko lomteto, wandula yena wamtabatela ezingalweni zake, wambonga UTIXO, wati: Kaloku uyasindulula isicaka sako, NKOSI! ngoxolo, njengokwelizwi lako: ngokuba amehlo am ebonile usindiso lwako, olo ululungisileyo ngasebusweni bezizwe zonke; ukanyiso lwokutyilela abaheyideni, nolwobungcwalisa babantu bako o‐Sirayeli. Babesiti nqa ke u‐Josefe nonina pezu kwezinto ezibe zitetwa ngaye. Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo; (ewe, nowako umpefumlo isiṙele sowuhlaba;) ukuze kube kutyilwa izicamango zentliziyo ezininzi. Kwabekuko kanjalo u‐Ana umprofitekazi, intombi ka‐Fanuweli, owesizwe sika‐Ashere: yena lo ebekolisile ukuba nobudala kakulu, obehleli nendoda iminyaka yasixe̔nxe itabata ebuntombini bake: wayengumhlolokazi weminyaka engati imashumi asibozo anesine, owahlala engemki etempileni, ekonza u‐Tixo ngokuzila ukutya nangokukunga ebusuku nasemini. Wati lo emi kufupi nje kwa ngeloxeshana wabulela ENKOSINI naye, wateta ngayo kubo bonke ababelinda inkululwa e‐Yerusaleme. Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto WENKOSI, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete. Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe LUKATIXO lwalupezu kwake. Kekaloku oyise bake bebesiya iminyaka ngeminyaka e‐Yerusaleme ngomtendeleko wepasika. Wati akuba yiminyaka ilishumi linamibini ubudala bake, nxa bebenyukele e‐Yerusaleme ngokwesiko lomtendeleko, nanxa bebefezile imihla, ekubuyeni kwabo, wasala umntwana u‐Yesu e‐Yerusaleme; baye bengazi u‐Josefe nonina. Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo. Bati bengamfumananga nje, babuyela e‐Yerusaleme, bemfuna. Kwaza kwati emveni kwentsuku ntatu, bamfumana etempileni, ehleli pakati kwabafundisi, esiva bona, ebuza nokubuza kubo. Baye benokuti nqa ke bonke abo babemva, pezu kwokuqonda kwake nemipendulo yake. Bati bakumbona, bamangaliswa; waza unina wati kuye: Nyana! wasenzela njalo nganina? bona ke, uyihlo nam, besikufuna sidandatekile. Waza wati kubo: Yinina ukuba nibe nindifuna? nibe ningazi na ukuba ndifanele ukuba sendlwini KABAWO? Abaliqonda ke bona ilizwi walitetayo kubo. Waza wehla nabo, weza e‐Nazarete, wabalulamela: wati kekaloku unina wazigcina zonke ezizinto entliziyweni yake. Waye u‐Yesu emana ehambisa ebulumkweni nasebudeni, naselufefeni pambi KWOTIXO napambi kwabantu.