Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo UMOYA OYINGCWELE ebepezu kwake. Kwaye kutyilelwa yena NGUMOYA OYINGCWELE, ukuba akayi kubona kufa engekaboni u‐Kristu WENKOSI. Weza ke NGOMOYA etempileni: kekaloku nxa oyise babengenisa umntwana u‐Yesu, ukuba bamenzele ngesiko lomteto, wandula yena wamtabatela ezingalweni zake, wambonga UTIXO, wati: Kaloku uyasindulula isicaka sako, NKOSI! ngoxolo, njengokwelizwi lako: ngokuba amehlo am ebonile usindiso lwako, olo ululungisileyo ngasebusweni bezizwe zonke; ukanyiso lwokutyilela abaheyideni, nolwobungcwalisa babantu bako o‐Sirayeli.
Babesiti nqa ke u‐Josefe nonina pezu kwezinto ezibe zitetwa ngaye. Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo; (ewe, nowako umpefumlo isiṙele sowuhlaba;) ukuze kube kutyilwa izicamango zentliziyo ezininzi.
Kwabekuko kanjalo u‐Ana umprofitekazi, intombi ka‐Fanuweli, owesizwe sika‐Ashere: yena lo ebekolisile ukuba nobudala kakulu, obehleli nendoda iminyaka yasixe̔nxe itabata ebuntombini bake: wayengumhlolokazi weminyaka engati imashumi asibozo anesine, owahlala engemki etempileni, ekonza u‐Tixo ngokuzila ukutya nangokukunga ebusuku nasemini. Wati lo emi kufupi nje kwa ngeloxeshana wabulela ENKOSINI naye, wateta ngayo kubo bonke ababelinda inkululwa e‐Yerusaleme.
Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto WENKOSI, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete.
Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe LUKATIXO lwalupezu kwake.
Kekaloku oyise bake bebesiya iminyaka ngeminyaka e‐Yerusaleme ngomtendeleko wepasika. Wati akuba yiminyaka ilishumi linamibini ubudala bake, nxa bebenyukele e‐Yerusaleme ngokwesiko lomtendeleko, nanxa bebefezile imihla, ekubuyeni kwabo, wasala umntwana u‐Yesu e‐Yerusaleme; baye bengazi u‐Josefe nonina. Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo. Bati bengamfumananga nje, babuyela e‐Yerusaleme, bemfuna. Kwaza kwati emveni kwentsuku ntatu, bamfumana etempileni, ehleli pakati kwabafundisi, esiva bona, ebuza nokubuza kubo. Baye benokuti nqa ke bonke abo babemva, pezu kwokuqonda kwake nemipendulo yake. Bati bakumbona, bamangaliswa; waza unina wati kuye: Nyana! wasenzela njalo nganina? bona ke, uyihlo nam, besikufuna sidandatekile. Waza wati kubo: Yinina ukuba nibe nindifuna? nibe ningazi na ukuba ndifanele ukuba sendlwini KABAWO? Abaliqonda ke bona ilizwi walitetayo kubo. Waza wehla nabo, weza e‐Nazarete, wabalulamela: wati kekaloku unina wazigcina zonke ezizinto entliziyweni yake.
Waye u‐Yesu emana ehambisa ebulumkweni nasebudeni, naselufefeni pambi KWOTIXO napambi kwabantu.