Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba enesiqu esincinane. Wabaleka ke, wakhwela emthini womthombe ukuba ambone, kuba wayeza kudlula ngaloo ndlela. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi; Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; ukuba ndidle into kabani na ngobuxoki, ndimbuyisela kane. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham. Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Uthe ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathumela izigidimi emva kwakhe, besithi, Asifuni ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. Kwathi akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi wayebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. Weza ke owokuqala, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zalishumi. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. Wathi nakuye, Nawe yiba phezu kwezixeko ezihlanu. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? Wathi kwababemi khona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.