ULUKA 19:1-28

ULUKA 19:1-28 XHO75

Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane. Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Úngené waya kulala kwindoda engumoni. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham; kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina• zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba wàba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.