ULUKA 19:1-28
ULUKA 19:1-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane. Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Úngené waya kulala kwindoda engumoni. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham; kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina• zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba wàba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
ULUKA 19:1-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wangena eJeriko, egqitha khona. Ke kaloku kwakukho ndoda ibizwa ngokuba nguZakeyi, eyayiyintloko yabaqokeleli-rhafu, isisityebi. Yayifuna ukubona uYesu, kodwa ngenxa yokusithwa yindimbane ayaba nako, kuba yayimfutshane ngesithomo. Yabaleka ke, yaya ngaphambili, yakhwela emthini womthombe ukuze imbone, kuba wayeza kudlula apho. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuyo: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.” Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo. Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.” Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.” Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham. Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.” UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha. Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye. Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’ Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’ “Yakuba ke ibekiwe yangukumkani inkosana le, ibuyile, yaza yathi mazibizelwe kuyo ezo zicaka yayizinike imali leyo, ukuze ive kuzo ngazinye ukuba zingenise ntoni na ngokurhweba. Seza ke esokuqala, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lizele ishumi lamakhulu.’ Yathi kuso: ‘Hee ke, sicakandini esilungileyo! Ngenxa yokuba ubuthembekile kokuncinane, ndikunika igunya kwiidolophu ezilishumi.’ Seza nesesibini, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lenze isihlanu samakhulu.’ Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’ “Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu, kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’ Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga; kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’ “Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’ Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’ Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo. Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ” Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem.
ULUKA 19:1-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba enesiqu esincinane. Wabaleka ke, wakhwela emthini womthombe ukuba ambone, kuba wayeza kudlula ngaloo ndlela. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi; Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; ukuba ndidle into kabani na ngobuxoki, ndimbuyisela kane. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham. Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Uthe ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathumela izigidimi emva kwakhe, besithi, Asifuni ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. Kwathi akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi wayebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. Weza ke owokuqala, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zalishumi. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. Wathi nakuye, Nawe yiba phezu kwezixeko ezihlanu. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? Wathi kwababemi khona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
ULUKA 19:1-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wangena wahamba ecanda e‐Jeriko. Kwaye kuko, bona ke, indoda ibizwa ngegama elingu‐Zakeyu, ebiyinkosi yababuti beminikelo, ebisisityebi kanjalo. Yabifuna ukubona u‐Yesu, ukuba unjanina; yabikohlwa ke ngenxa yesihlwele, ngokokuba ibincinane ubude bayo. Yaza yagidimela pambili, yakwela emtini wesikamore, ukuze imbone: ngokuba ebeza kudlula ngalondlela. Wati akufika kulondawo, wabeka pezulu u‐Yesu, wayibona, wati kuyo: Zakeyu! nxama uhle; ngokuba namhla ndifanele ukuhlala endlwini yako. Yaza yanxama yehla, yamamkela ivuya. Baza bonke bakubona oku bakalaza, besiti: Uye kulalisa endlwini yendoda engumoni. Wema ke u‐Zakeyu, wati KWINKOSI: Bona ke, isiqingata sempahla yam, Nkosi! ndiyasipa amahlwempu; nokuba kuko ondimhlutileyo into ngokulumkisa, ndiyabuyekeza ngento epindiweyo kane. Wayesiti u‐Yesu kuye: Namhla usindiso lufikile kulendlu, ngokokuba naye ungunyana ka‐Abrahame. Ngokuba unyana wesintu weza ukufuna nokusindisa okulahlekileyo. Kekaloku nxa bebesiva ezizinto, walekela wateta umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufupi ne‐Yerusaleme, nokuba bebeba ubukumkani BUKATIXO buza kubonakala kamsinya. Wati ngoko: Itshawe elitile lahambela ezweni elikude, ukuya kuzamkelela ubukumkani, nokubuya. Lati libizile izicaka zalo zilishumi, lazinika ishumi lemina, lati kuzo: Yananani, ndide ndize. Kodwa abesixeko salo babelitiya, batuma izitunywa emva kwalo, besiti: Asivumi ukuba lomntu abe ngukumkani pezu kwetu. Kwaza kwati lakuba libuyele kona, libamkele ubukumkani nje, landula laxela ukuba kubizelwe kulo izicaka ezi, elati lazinika imali leyo, ukuze lazi ukuba zizuzile nto nina ngezinye ngokwanana. Sati ke esokuqala sasondela, sisiti: Nkosi! imina yako izuzile imina ezilishumi. Laza lati kuso: Ukolisile, sicaka esilungileyo! ngokokuba ubunyanisekile kokuncinane kakulu, yiba unegunya pezu kwezixeko zibe lishumi. Saza seza esesibini, sisiti: Nkosi! imina yako yenzile imina ezintlanu. Laye lisiti nakuso esi: Nawe yiba pezu kwezixeko zibe zihlanu. Seza nesinye, sisiti: Nkosi! nantsi imina yako, ebendinayo ibekelwe eqiyeni: ngokuba bendikwoyika wena, kuba ungumntu olukuni: uyacola oko ungakubekanga pantsi, uyavuna oko ungakuhlwayelanga. Lati ke kuso: Ngokupumayo emlonyeni wako ndokugweba, sicaka esikohlakeleyo! ubusazi nje ukuba ndingumntu olukuni mna, ndicola oko ndingakubekanga pantsi, ndivuna oko ndingakuhlwayelanga: ibiyinina pofu ukuba akwabeka imali yam ebankeni? ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabanga yona kunye nokwanda kwayo. Laza lati kwabo babemi kufupi: Mhluteni imina yake, niyinike kulowo unemina ezilishumi. Baza bati kulo: Nkosi! unemina ezilishumi. Ngokuba ndisiti kuni: Bonke abanako baya kupiwa: kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Kodwa intshaba zam ezo, ezibe zingavumi ukuba ndibe ngukumkani pezu kwazo, ziziseni apa, nizibulale pambi kwam. Waza wati akuba ebetshilo, wahamba pambili, enyukela e‐Yerusaleme.