Waza wangena wahamba ecanda e‐Jeriko. Kwaye kuko, bona ke, indoda ibizwa ngegama elingu‐Zakeyu, ebiyinkosi yababuti beminikelo, ebisisityebi kanjalo. Yabifuna ukubona u‐Yesu, ukuba unjanina; yabikohlwa ke ngenxa yesihlwele, ngokokuba ibincinane ubude bayo. Yaza yagidimela pambili, yakwela emtini wesikamore, ukuze imbone: ngokuba ebeza kudlula ngalondlela. Wati akufika kulondawo, wabeka pezulu u‐Yesu, wayibona, wati kuyo: Zakeyu! nxama uhle; ngokuba namhla ndifanele ukuhlala endlwini yako. Yaza yanxama yehla, yamamkela ivuya. Baza bonke bakubona oku bakalaza, besiti: Uye kulalisa endlwini yendoda engumoni. Wema ke u‐Zakeyu, wati KWINKOSI: Bona ke, isiqingata sempahla yam, Nkosi! ndiyasipa amahlwempu; nokuba kuko ondimhlutileyo into ngokulumkisa, ndiyabuyekeza ngento epindiweyo kane. Wayesiti u‐Yesu kuye: Namhla usindiso lufikile kulendlu, ngokokuba naye ungunyana ka‐Abrahame. Ngokuba unyana wesintu weza ukufuna nokusindisa okulahlekileyo.
Kekaloku nxa bebesiva ezizinto, walekela wateta umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufupi ne‐Yerusaleme, nokuba bebeba ubukumkani BUKATIXO buza kubonakala kamsinya. Wati ngoko: Itshawe elitile lahambela ezweni elikude, ukuya kuzamkelela ubukumkani, nokubuya. Lati libizile izicaka zalo zilishumi, lazinika ishumi lemina, lati kuzo: Yananani, ndide ndize. Kodwa abesixeko salo babelitiya, batuma izitunywa emva kwalo, besiti: Asivumi ukuba lomntu abe ngukumkani pezu kwetu. Kwaza kwati lakuba libuyele kona, libamkele ubukumkani nje, landula laxela ukuba kubizelwe kulo izicaka ezi, elati lazinika imali leyo, ukuze lazi ukuba zizuzile nto nina ngezinye ngokwanana. Sati ke esokuqala sasondela, sisiti: Nkosi! imina yako izuzile imina ezilishumi. Laza lati kuso: Ukolisile, sicaka esilungileyo! ngokokuba ubunyanisekile kokuncinane kakulu, yiba unegunya pezu kwezixeko zibe lishumi. Saza seza esesibini, sisiti: Nkosi! imina yako yenzile imina ezintlanu. Laye lisiti nakuso esi: Nawe yiba pezu kwezixeko zibe zihlanu. Seza nesinye, sisiti: Nkosi! nantsi imina yako, ebendinayo ibekelwe eqiyeni: ngokuba bendikwoyika wena, kuba ungumntu olukuni: uyacola oko ungakubekanga pantsi, uyavuna oko ungakuhlwayelanga. Lati ke kuso: Ngokupumayo emlonyeni wako ndokugweba, sicaka esikohlakeleyo! ubusazi nje ukuba ndingumntu olukuni mna, ndicola oko ndingakubekanga pantsi, ndivuna oko ndingakuhlwayelanga: ibiyinina pofu ukuba akwabeka imali yam ebankeni? ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabanga yona kunye nokwanda kwayo. Laza lati kwabo babemi kufupi: Mhluteni imina yake, niyinike kulowo unemina ezilishumi. Baza bati kulo: Nkosi! unemina ezilishumi. Ngokuba ndisiti kuni: Bonke abanako baya kupiwa: kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Kodwa intshaba zam ezo, ezibe zingavumi ukuba ndibe ngukumkani pezu kwazo, ziziseni apa, nizibulale pambi kwam.
Waza wati akuba ebetshilo, wahamba pambili, enyukela e‐Yerusaleme.