Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu. Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; Baya kumtyakatya, bambulale, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo. Kwathi ke ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye, esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. uYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile. Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.