Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le. Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.” Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.
Funda ULUKA 18
Share
Compare All Versions: ULUKA 18:31-43
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos