ULUKA 18:31-43
ULUKA 18:31-43 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le. Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.” Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.
ULUKA 18:31-43 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu. Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bona àbaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo. Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndénzele inceba. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndénzele inceba. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza, esithi, Ùfuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile. Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.
ULUKA 18:31-43 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.” Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le. Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.” Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.” Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.
ULUKA 18:31-43 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu. Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; Baya kumtyakatya, bambulale, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo. Kwathi ke ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye, esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. uYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile. Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.
ULUKA 18:31-43 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza watabatela kuye abalishumi linababini, wati kubo; Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, zaziya kufezwa zonke izinto ezimba̔lelweyo unyana wesintu ngabaprofite. Ngokuba eya kunikelwa kubaheyideni, ahlekwe, apatwe kakubi, atshicelwe; babeya kumbeta, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke. Abaqiqa ke bona nanye yezizinto; saye isiteto esi sibe sibafihlelwe, bebengaziqondi izinto ezibe zitetwa kanjalo. Kwaye kute ekusondeleni kwake e‐Jeriko, imfama etile ibihleli ngasendleleni inqiba. Yati yakuva isihlwele sidlula, yabuza ukuba kungati nina oku. Baza bayityela ukuba u‐Yesu wase‐Nazarete uyadlula. Yaza yamemeza, isiti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Baza abo babehamba pambili bayiyala, ukuba iti tu: kodwa yona yabidanduluka ngento enkulu ngakumbi, isiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Wema ke u‐Yesu wayalela ukuba iziswe kuye: yati yakusondela wayibuza, esiti: Unga ndingakwenzela nto nina? Yayisiti: Nkosi! ndinga ndingamkela ukubona kwam. Waza u‐Yesu wati kuyo: Yamkela ukubona kwako; ukolo lwako lukupilisile. Yaselisamkela ukubona kwayo kwa oko, yamlandela idumisa UTIXO: bati nabantu bonke, bakubona oku, banikela udumiso KUTIXO.