Waza watabatela kuye abalishumi linababini, wati kubo; Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, zaziya kufezwa zonke izinto ezimba̔lelweyo unyana wesintu ngabaprofite. Ngokuba eya kunikelwa kubaheyideni, ahlekwe, apatwe kakubi, atshicelwe; babeya kumbeta, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke. Abaqiqa ke bona nanye yezizinto; saye isiteto esi sibe sibafihlelwe, bebengaziqondi izinto ezibe zitetwa kanjalo. Kwaye kute ekusondeleni kwake e‐Jeriko, imfama etile ibihleli ngasendleleni inqiba. Yati yakuva isihlwele sidlula, yabuza ukuba kungati nina oku. Baza bayityela ukuba u‐Yesu wase‐Nazarete uyadlula. Yaza yamemeza, isiti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Baza abo babehamba pambili bayiyala, ukuba iti tu: kodwa yona yabidanduluka ngento enkulu ngakumbi, isiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. Wema ke u‐Yesu wayalela ukuba iziswe kuye: yati yakusondela wayibuza, esiti: Unga ndingakwenzela nto nina? Yayisiti: Nkosi! ndinga ndingamkela ukubona kwam. Waza u‐Yesu wati kuyo: Yamkela ukubona kwako; ukolo lwako lukupilisile. Yaselisamkela ukubona kwayo kwa oko, yamlandela idumisa UTIXO: bati nabantu bonke, bakubona oku, banikela udumiso KUTIXO.
Funda Ivangeli ka‐Luke 18
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Luke 18:31-43
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos