uLuka 11:1-12

uLuka 11:1-12 CXB24

Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi omnye umfundi wakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla. Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini. Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe? Aphendule lowo wangaphakathi athi, Musa ukundikhathaza; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike. Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?