Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.” Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini: “ ‘Bawo, malaziwe lihlonelwe igama lakho; malongame ulawulo lwakho. Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi; ungasiyekeli ekulingweni.’ ” Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu, kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’ ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’ Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka. “Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo wovulelwa. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka, okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane?
Funda ULUKA 11
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: ULUKA 11:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo