ULUKA 11:1-12

ULUKA 11:1-12 XHO75

Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni. Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongáthi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe; aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike? Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?