Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo abamashumi asixhenxe, yabathuma ngababini ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona. Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo. Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka. Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, yaye ningabulisi mntu endleleni. Endlwini enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni. Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma niye kwindlu ngendlu. Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu; Niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo. Emzini ke enithe nangena kuwo, baza àbanamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi, Kwanothuli lomzi wenu oluncamileyo, siyaluvuthululela kuni; noko ke kwazini oko, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo. Ke ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi. Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini. Kodwa koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunani. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Lowo univayo uva mna; Lowo unigibayo, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba owandithumayo. Babuya ke abamashumi asixhenxe bevuya, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho. Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise. Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; yithini kanye ke kugcobani; ngokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini. Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela. Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva.