Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 10:1-24

ULUKA 10:1-24 XHO75

Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona. Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo. Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka. Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni. Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni. Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini. Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banàmkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu; niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo. Emzini enisukuba ningena kuwo, banganamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi, Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo. Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi. Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini. Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo. Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho. Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise. Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini. Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba úngubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela. Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, àbazibona; nokuva izinto enizivayo, àbaziva.