Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 10:1-24

ULUKA 10:1-24 XHO96

Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo, isithi kubo: “Isivuno okunene sikhulu, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Mbongozeni ke ngoko uMnini-ntsimi, ukuba athumele abasebenzi, baye kuvuna. Hambani ke. Niyabona, ndinithuma njengamatakane phakathi kweengcuka. Ze ningaphathi ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazihlangu. Ze ningalityaziswa yimibuliso endleleni. Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’ Ukuba ngaba ukho apho owoxolo, intsikelelo yenu yohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, yobuyela kwakuni. Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho. Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo, niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo! ’ Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi: ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile! ’ Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.” “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu. Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu. Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. ” Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.” Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.” Wathi ke kubo: “Ndibone uSathana esiwa ezulwini okombane. Niyabona, ndininike igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alowo ulutshaba. Ke ayikho konke into enokunenzakalisa. Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.” Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe. “Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.” Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina! Inene, baninzi *abashumayeli nookumkani ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo nina, baza àbazibona; benqwenela nokuva izinto enizivayo, baza àbaziva.”