Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo. Aphendula athi kuye, Ubawo nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba beningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham. Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu; mnye uBawo wethu, uThixo. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Yini na ukuba ningayiqondi intetho yam? ngenxa yokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni, akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Asitsho na ukuthi, ungumSamariya na, kwaye unedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. uAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa; wena ke uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? nabaprofeti bafa; uzenza bani na? Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nguThixo wenu; Kambe animazanga; Mna ke ndiyamazi; nokuba ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. Uyihlo uAbraham wagcobela ukuwubona umhla wam, wawubona, wavuya. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade. Ngoko achola amatye ukuba amgibisele. Wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwabo