UYOHANE 8:37-59
UYOHANE 8:37-59 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo. Aphendula athi kuye, Ubawo nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba beningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham. Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu; mnye uBawo wethu, uThixo. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Yini na ukuba ningayiqondi intetho yam? ngenxa yokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni, akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Asitsho na ukuthi, ungumSamariya na, kwaye unedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. uAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa; wena ke uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? nabaprofeti bafa; uzenza bani na? Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nguThixo wenu; Kambe animazanga; Mna ke ndiyamazi; nokuba ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. Uyihlo uAbraham wagcobela ukuwubona umhla wam, wawubona, wavuya. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade. Ngoko achola amatye ukuba amgibisele. Wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwabo
UYOHANE 8:37-59 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.” Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo. Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo. Nina nenza okwenziwa nguyihlo.” Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.” AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?” Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli. Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela. Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.” Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade. Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?” Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu. Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe. Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.” Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?” Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.” Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.
UYOHANE 8:37-59 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo. Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; àkakwenzanga oko uAbraham. Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo. Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ùngumSamariya wena, nokuthi ùnedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena? Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu. Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade. Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazímela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.
UYOHANE 8:37-59 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.” Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo. Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo. Nina nenza okwenziwa nguyihlo.” Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.” AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?” Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli. Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela. Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.” Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade. Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?” Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu. Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe. Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.” Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?” Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.” Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.
UYOHANE 8:37-59 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo. Aphendula athi kuye, Ubawo nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba beningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham. Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu; mnye uBawo wethu, uThixo. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Yini na ukuba ningayiqondi intetho yam? ngenxa yokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni, akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Asitsho na ukuthi, ungumSamariya na, kwaye unedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. uAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa; wena ke uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? nabaprofeti bafa; uzenza bani na? Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nguThixo wenu; Kambe animazanga; Mna ke ndiyamazi; nokuba ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. Uyihlo uAbraham wagcobela ukuwubona umhla wam, wawubona, wavuya. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade. Ngoko achola amatye ukuba amgibisele. Wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwabo
UYOHANE 8:37-59 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyazi ukuba niyinzalo ka‐Abrahame; niyafuna ukundibulala noko, kuba ilizwi lam lingafumani indawo kuni. Mna ndiyateta oko ndikubonileyo KUBAWO wam; nani kwa njalo niyakwenza oko nikubonileyo kuyihlo wenu. Apendula ati kuye: Ubawo wetu ungu‐Abrahame. Wati kuwo u‐Yesu: Ukuba nibe nilusapo luka‐Abrahame, ngeniba niyenza imisebenzi ka‐Abrahame. Kodwa ngoku niyafuna ukundibulala, umntu oyitetileyo kuni inyaniso, leyo ndayivayo KUTIXO: oku akakwenza u‐Abrahame. Nina niyayenza imisebenzi yoyihlo wenu. Andula ati kuye: Asizelwe tina ngombulo: sinobawo emnye, UTIXO. Wandula wati kuwo u‐Yesu: Ukuba UTIXO ebenguyihlo wenu, ngeniba nitanda mna: ngokuba ndapuma ndavela KUTIXO; ngokuba kanjako ndingezanga ngokwam, nguye lowo owanditumayo. Kunganina ukuba ningaqondi ukuteta kwam? kukuba ningelive ilizwi lam. Nina ningabakuye uyihlo u‐Satane, nenkanuko zoyihlo wenu niyatanda ukuzenza. Yena lowo ebengumbulali kwa sekuqaleni, engemanga enyanisweni ke, kuba kungeko nyaniso kuye. Nxa ateta ubuxoki, uyateta kokukokwake: ngokuba elixoki, noyise wabo. Kodwa mna ngokuba ndiyiteta inyaniso, anikolwa kum. Ngubanina kuni ondivisa ityala ngesono? Kodwa ukuba ndiyateta inyaniso, kunganina ukuba ningakolwa kum? Lowo ungowakuye UTIXO uyaweva amazwi KATIXO: ngenxa yoku aniweva nina, kuba ningengabakuye UTIXO. Andula apendula ama‐Juda, ati kuye: Asilungisi ukutsho na, ukuba ungum‐Samariya wena, nokuba unedemoni? Wati u‐Yesu ukupendula: Andinademoni; koko ndibeka UBAWO, nani nidela mna. Kodwa andibufuni ubungcwalisa bam; kuko oti afune agwebe. Ngokwenene ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kubona ukufa napakade. Andula ati kuye ama‐Juda: Kaloku siyazi ukuba unedemoni. U‐Abrahame wafa, kwa nabaprofite; kanti wena uti: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kuva ukufa napakade, umkulu wena yinina kubawo wetu U‐Abrahame, owafayo? kanjalo abaprofite bafa: uyazenza banina wena? Wati u‐Yesu ukupendula: Ukuba ndiyazenzela ubungcwalisa mna ngokwam, ubungcwalisa bam abuluto: NGUBAWO ondenzela ubungcwalisa, eniti nina ngaye u NGUTIXO wenu. Kanti animazanga yena; kodwa mna ndiyamazi: nokuba nditsho ukuti andimazi, ndoba lixoki njengani: koko ndimaziyo, nelizwi lake ndiyaligcina. U‐Abrahame uyihlo wenu wagcoba ukuba abe nokubona umhla wam; wawubona ke, wavuya nokuvuya. Andula ati ama‐Juda kuye: Akukabi yiminyaka imashumi mahlanu ubudala bako, no‐Abrahame umbonile nje na? Wati kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Engekabangako u‐Abrahame, ndiko mna. Andula acola amatye ukuba amgibisele: kodwa u‐Yesu wafihleka, wapuma etempileni, ecanda pakati kwawo, wadlula njalo ke.