Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 8:37-59

Ivangeli ka‐Johane 8:37-59 XHO1902A

Ndiyazi ukuba niyinzalo ka‐Abrahame; niyafuna ukundibulala noko, kuba ilizwi lam lingafumani indawo kuni. Mna ndiyateta oko ndikubonileyo KUBAWO wam; nani kwa njalo niyakwenza oko nikubonileyo kuyihlo wenu. Apendula ati kuye: Ubawo wetu ungu‐Abrahame. Wati kuwo u‐Yesu: Ukuba nibe nilusapo luka‐Abrahame, ngeniba niyenza imisebenzi ka‐Abrahame. Kodwa ngoku niyafuna ukundibulala, umntu oyitetileyo kuni inyaniso, leyo ndayivayo KUTIXO: oku akakwenza u‐Abrahame. Nina niyayenza imisebenzi yoyihlo wenu. Andula ati kuye: Asizelwe tina ngombulo: sinobawo emnye, UTIXO. Wandula wati kuwo u‐Yesu: Ukuba UTIXO ebenguyihlo wenu, ngeniba nitanda mna: ngokuba ndapuma ndavela KUTIXO; ngokuba kanjako ndingezanga ngokwam, nguye lowo owanditumayo. Kunganina ukuba ningaqondi ukuteta kwam? kukuba ningelive ilizwi lam. Nina ningabakuye uyihlo u‐Satane, nenkanuko zoyihlo wenu niyatanda ukuzenza. Yena lowo ebengumbulali kwa sekuqaleni, engemanga enyanisweni ke, kuba kungeko nyaniso kuye. Nxa ateta ubuxoki, uyateta kokukokwake: ngokuba elixoki, noyise wabo. Kodwa mna ngokuba ndiyiteta inyaniso, anikolwa kum. Ngubanina kuni ondivisa ityala ngesono? Kodwa ukuba ndiyateta inyaniso, kunganina ukuba ningakolwa kum? Lowo ungowakuye UTIXO uyaweva amazwi KATIXO: ngenxa yoku aniweva nina, kuba ningengabakuye UTIXO. Andula apendula ama‐Juda, ati kuye: Asilungisi ukutsho na, ukuba ungum‐Samariya wena, nokuba unedemoni? Wati u‐Yesu ukupendula: Andinademoni; koko ndibeka UBAWO, nani nidela mna. Kodwa andibufuni ubungcwalisa bam; kuko oti afune agwebe. Ngokwenene ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kubona ukufa napakade. Andula ati kuye ama‐Juda: Kaloku siyazi ukuba unedemoni. U‐Abrahame wafa, kwa nabaprofite; kanti wena uti: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kuva ukufa napakade, umkulu wena yinina kubawo wetu U‐Abrahame, owafayo? kanjalo abaprofite bafa: uyazenza banina wena? Wati u‐Yesu ukupendula: Ukuba ndiyazenzela ubungcwalisa mna ngokwam, ubungcwalisa bam abuluto: NGUBAWO ondenzela ubungcwalisa, eniti nina ngaye u NGUTIXO wenu. Kanti animazanga yena; kodwa mna ndiyamazi: nokuba nditsho ukuti andimazi, ndoba lixoki njengani: koko ndimaziyo, nelizwi lake ndiyaligcina. U‐Abrahame uyihlo wenu wagcoba ukuba abe nokubona umhla wam; wawubona ke, wavuya nokuvuya. Andula ati ama‐Juda kuye: Akukabi yiminyaka imashumi mahlanu ubudala bako, no‐Abrahame umbonile nje na? Wati kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Engekabangako u‐Abrahame, ndiko mna. Andula acola amatye ukuba amgibisele: kodwa u‐Yesu wafihleka, wapuma etempileni, ecanda pakati kwawo, wadlula njalo ke.