UYOHANE 8:37-59

UYOHANE 8:37-59 XHO96

Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.” Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo. Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo. Nina nenza okwenziwa nguyihlo.” Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.” Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.” AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?” Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli. Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela. Ndithi kuni, inene, ukuba umntu uthe wawagcina amazwi am, soze afe naphakade.” Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade. Ngaba wena umkhulu na kunobawo uAbraham, yena wafayo? Kwangokunjalo nabo abashumayeli àbasekho. Uzenza bani kakade wena?” Waphendula uYesu wathi: “Ukuba bendiziwonga ngokwam, elo wonga ngelingento yanto; kodwa ke nguBawo ondiwongayo, lowo kanye nina nithi nguThixo wenu. Nangona nitshoyo, anizange namazi; kodwa mna ndiyamazi. Ukuba mna bendinokuthi andimazi, bendiya kuba ndilixoki njengani. Kodwa ndiyamazi, ndaye ndiyawagcina amazwi akhe. Uyihlo uAbraham wagcoba, kuba wayeza kubona le mihla yobukho bam; wayibona ke, wavuya.” Aza amaJuda athi kuye: “Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, ungathini ukuba sewumbonile uAbraham?” Wathi kubo uYesu: “Ndithi kuni, inene, engekabikho uAbraham, besendikho kade mna.” Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.