Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya. Wayelandelwa yindimbane enkulu, kuba yayiyibona imiqondiso yakhe abeyenza kwabafayo. uYesu wenyuka intaba, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. Yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda. Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba? Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza. uFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana. Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana? Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ke amadoda, engathi amawaka mahlanu inani. Wazithabatha ke izonka uYesu; wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, wathi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali. Babutha ngoko, bazalisa iingobozi zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonka ezihlanu zerhasi. Ngoko abantu abo, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini. Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa. Ke kaloku, kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. Bengenile emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum, kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anantlanu, nokuba zimashumi mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esondela ngasemkhombeni; Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. Bathanda ke bona ukumamkela emkhombeni