UYOHANE 6:1-21

UYOHANE 6:1-21 XHO75

Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya. Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa. Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe. Yaye ke ikufuphi ipasika,• umthendeleko wamaYuda. Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba? Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza. UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo• ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana. Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana? Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani. Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto. Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi. Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini. Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni yena yedwa. Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. Bakuba ngoko begweqile izitadiya• ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika. Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.