Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uYohane 3:22-36

uYohane 3:22-36 CXB24

Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; walibala khona apho nabo, wabhaptiza. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi, lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo ungowehlabathi ungowasemhlabeni, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini ungaphezu kwabo bonke; akubonileyo ke wakuva, uyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso; kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo. uYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.