UYOHANE 3:22-36

UYOHANE 3:22-36 XHO75

Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi,• lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu• mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke; akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso; kuba lowo ùthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo. UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.