UYOHANE 3:22-36
UYOHANE 3:22-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; walibala khona apho nabo, wabhaptiza. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi, lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo ungowehlabathi ungowasemhlabeni, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini ungaphezu kwabo bonke; akubonileyo ke wakuva, uyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso; kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo. uYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.
UYOHANE 3:22-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi,• lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu• mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke; akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso; kuba lowo ùthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo. UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.
UYOHANE 3:22-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko uYesu nabafundi bakhe baya kummandla wakwaJuda; waza uYesu waba nexesha ekunye nabo apho, ebhaptiza. UYohane naye wayebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, kuba amanzi ebemaninzi apho. Abantu babesiya kuye, ababhaptize. Ngelo xesha wayengekafakwa entolongweni. Abafundi bakaYohane bâphikisana nomJuda othile malunga nokuhlanjululwa. Baya kuYohane ke, bathi kuye: “Mfundisi, laa mntu wayekunye nawe phesheya kweJordan, lowa umngqineleyo, úyabhaptiza, kwaye baya kuye bonke abantu.” Waphendula uYohane wathi: “Lonke ilungelo analo umntu ulinikwa nguThixo. Nani ngokwenu ningandingqinela okokuba ndathi: ‘Andinguye mna *uKrestu, koko ndingothunywe ngaphambi kwakhe.’ Kaloku umtshakazi ngowomyeni. Ke yena umkhaphi womyeni ulindela ukufika komyeni, aze avuye kunene akuliva izwi lakhe. Ngokukwanjalo luphelele ngoku uvuyo lwam. Makabaluleke yena, ndinciphe mna.” “Lowo uvela phezulu unewonga kunabantu bonke. Lowo uvela ehlabathini ungowasehlabathini, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini unewonga kunabantu bonke. Yena ungqina ngako oko akubonileyo nakuvileyo, kanti noko akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Othe wabamkela ubungqina bakhe uqinisekisa okokuba uThixo uyinyaniso. Kaloku ethunyiwe nje nguThixo, uthetha amazwi kaThixo, kuba uThixo umnika uMoya wakhe ngokungenamlinganiselo. UYise uyamthanda uNyana; zonke izinto uzinikele esandleni sakhe. Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.”
UYOHANE 3:22-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; walibala khona apho nabo, wabhaptiza. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi, lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo ungowehlabathi ungowasemhlabeni, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini ungaphezu kwabo bonke; akubonileyo ke wakuva, uyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso; kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo. uYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.
UYOHANE 3:22-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
EMVENI kwezizinto weza u‐Yesu nabadisipile bake ezweni le‐Judeya; wahlala nabo apo ke, wabapitizesha. Waye kekaloku no‐Johane ebapitizesha e‐Enoni kufupi ne‐Salime, kuba bekuko amanzi amaninzi kona: baye besiza abantu, babapitizeshwa. Ngokuba u‐Johane ebengekaposelwanga entolongweni. Kwandula kwesuka umbuzo ngecala labadisipile baka‐Johane nama‐Juda ngako ukuhlambulula. Baza beza ku‐Johane, bati kuye: Rabi! lowo ubenawe pesheya kwe‐Yoredane, omnqi̔neleyo wena, kangela, yena lo uyabapitizesha, bati bonke beze kuye. Wapendula u‐Johane wati: Umntu akangamkele nto, xeshekweni inganikwanga kuye ivela ezulwini. Nina ngokwenu niyandinqi̔nela ukuba ndati: Andinguye u‐Kristu, koko nditunyiwe pambi kwake. Onaye umtshakazi, ungumyeni; kodwa umhlobo womyeni, omiyo esiva nokuva yena, uyavuya kunene ngenxa yelizwi lomyeni: ngako olu uvuyo lwam luzalisekile. Ufanele yena ukwanda, kodwa ndifanele mna ukuncipa. Ovela pezulu, upezu kwabo bonke; lowo ungowasemhlabeni, ungowasemhlabeni, eteta nokwasemhlabeni: ovela ezulwini, upezu kwabo bonke; noko akubonileyo wakuva, oku uyakunqi̔nela; nokunqi̔na kwake akuko mntu okwamkelayo. Owamkeleyo ukunqi̔na kwake, uncamatisele okokuba UTIXO uyinene. Ngokuba lowo UTIXO wamtumayo ewateta amazwi KATIXO: ngokuba UTIXO engamniki UMOYA ngokulinganisa. UYISE uyamtanda UNYANA, nento zonke uzinikele esandleni sake. Okolwayo KUNYANA, unobomi obungunapakade; kodwa lowo ungakolwayo KUNYANA, akayi kubona ubomi, koko ingqumbo KATIXO ihlala pezu kwake.