Emva koko uYesu nabafundi bakhe baya kummandla wakwaJuda; waza uYesu waba nexesha ekunye nabo apho, ebhaptiza. UYohane naye wayebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, kuba amanzi ebemaninzi apho. Abantu babesiya kuye, ababhaptize. Ngelo xesha wayengekafakwa entolongweni. Abafundi bakaYohane bâphikisana nomJuda othile malunga nokuhlanjululwa. Baya kuYohane ke, bathi kuye: “Mfundisi, laa mntu wayekunye nawe phesheya kweJordan, lowa umngqineleyo, úyabhaptiza, kwaye baya kuye bonke abantu.” Waphendula uYohane wathi: “Lonke ilungelo analo umntu ulinikwa nguThixo. Nani ngokwenu ningandingqinela okokuba ndathi: ‘Andinguye mna *uKrestu, koko ndingothunywe ngaphambi kwakhe.’ Kaloku umtshakazi ngowomyeni. Ke yena umkhaphi womyeni ulindela ukufika komyeni, aze avuye kunene akuliva izwi lakhe. Ngokukwanjalo luphelele ngoku uvuyo lwam. Makabaluleke yena, ndinciphe mna.” “Lowo uvela phezulu unewonga kunabantu bonke. Lowo uvela ehlabathini ungowasehlabathini, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini unewonga kunabantu bonke. Yena ungqina ngako oko akubonileyo nakuvileyo, kanti noko akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe. Othe wabamkela ubungqina bakhe uqinisekisa okokuba uThixo uyinyaniso. Kaloku ethunyiwe nje nguThixo, uthetha amazwi kaThixo, kuba uThixo umnika uMoya wakhe ngokungenamlinganiselo. UYise uyamthanda uNyana; zonke izinto uzinikele esandleni sakhe. Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.”
Funda UYOHANE 3
Share
Compare All Versions: UYOHANE 3:22-36
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos