Ivangeli ka‐Johane 3:22-36

Ivangeli ka‐Johane 3:22-36 XHO1902A

EMVENI kwezizinto weza u‐Yesu nabadisipile bake ezweni le‐Judeya; wahlala nabo apo ke, wabapitizesha. Waye kekaloku no‐Johane ebapitizesha e‐Enoni kufupi ne‐Salime, kuba bekuko amanzi amaninzi kona: baye besiza abantu, babapitizeshwa. Ngokuba u‐Johane ebengekaposelwanga entolongweni. Kwandula kwesuka umbuzo ngecala labadisipile baka‐Johane nama‐Juda ngako ukuhlambulula. Baza beza ku‐Johane, bati kuye: Rabi! lowo ubenawe pesheya kwe‐Yoredane, omnqi̔neleyo wena, kangela, yena lo uyabapitizesha, bati bonke beze kuye. Wapendula u‐Johane wati: Umntu akangamkele nto, xeshekweni inganikwanga kuye ivela ezulwini. Nina ngokwenu niyandinqi̔nela ukuba ndati: Andinguye u‐Kristu, koko nditunyiwe pambi kwake. Onaye umtshakazi, ungumyeni; kodwa umhlobo womyeni, omiyo esiva nokuva yena, uyavuya kunene ngenxa yelizwi lomyeni: ngako olu uvuyo lwam luzalisekile. Ufanele yena ukwanda, kodwa ndifanele mna ukuncipa. Ovela pezulu, upezu kwabo bonke; lowo ungowasemhlabeni, ungowasemhlabeni, eteta nokwasemhlabeni: ovela ezulwini, upezu kwabo bonke; noko akubonileyo wakuva, oku uyakunqi̔nela; nokunqi̔na kwake akuko mntu okwamkelayo. Owamkeleyo ukunqi̔na kwake, uncamatisele okokuba UTIXO uyinene. Ngokuba lowo UTIXO wamtumayo ewateta amazwi KATIXO: ngokuba UTIXO engamniki UMOYA ngokulinganisa. UYISE uyamtanda UNYANA, nento zonke uzinikele esandleni sake. Okolwayo KUNYANA, unobomi obungunapakade; kodwa lowo ungakolwayo KUNYANA, akayi kubona ubomi, koko ingqumbo KATIXO ihlala pezu kwake.