Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa. Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andizithethanga kuni kwasekuqaleni, ngokuba bendinani. Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na? Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; uya kuthetha athe wakuva, anibikele izinto ezizayo. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Zonke ezo anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.