UYOHANE 16:1-15

UYOHANE 16:1-15 XHO96

“Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni. Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam. Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.” “Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani. Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na, kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto. Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa: isono esi kukuba bengakholwa kum; ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona; umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi. “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo. Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum. Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.”