UYOHANE 16:1-15

UYOHANE 16:1-15 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni. Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam. Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.” “Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani. Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na, kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto. Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa: isono esi kukuba bengakholwa kum; ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona; umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi. “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo. Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum. Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.”

UYOHANE 16:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

EZIZINTO ndizitetile kuni, ukuze ningaxakaniswa. Baya kuniku̔pa ezintlanganisweni; ewe kuyeza ixeshana, lokuba lowo usukuba enibulala woba uyanikela isikonzo KUTIXO. Nezizinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga UBAWO, bengandazanga nam. Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani. Kodwa kaloku ndiyemka ukuya kulowo wanditumayo; kanti akuko namnye kuni obuza kum ukuti: Uya pina? Koko ngokuba ezizinto ndizitetile kuni, usizi luzalisile intliziyo yenu. Noko ndiyanixelela inyaniso: Kulungele nina ukuba ndimke: ngokuba, xeshekweni ndingemki mna, umonwabisi engayi kuza kuni; kodwa xeshekweni ndiyayo, ndiya kumtuma kuni. Waeya kuti akufika yena eyise ilizwe ngaso isono, nangabo ubulungisa, nangako ukugwetywa: ngaso isono ke, ngokuba bengakolwa kum; nangabo ubulungisa, ngokuba ndimka ukuya KUBAWO, nize ningabi sandibona; nangako ukugwetywa, ngokuba inkosi yelilizwe igwetyiwe. Ndisenazo izinto ezininzi zokuteta kuni, koko ningezinyamezele ngoku. Kodwa okuya afikayo yena, kwa UMOYA wenyaniso, uya kunikapela kuyo yonke inyaniso: ngokuba engayi kuteta ngokwake; koko konke asukuba ekuva, uya kuteta kona; nezinto ezizayo uya kuzishumayela kuni. Oyena uya kundenzela ubungcwalisa; ngokuba eya kwamkela kokwam, akushumayele kuni. Zonke ezonto anazo UBAWO, zizezam: ngenxa yoku ndatsho ukuti, uya kwamkela kokwam, akushumayele kuni.