uYohane 10:22-42

uYohane 10:22-42 CXB24

Ke kaloku kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu wena, sixelele ngokuphandle. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. Nina anikholwa; ngokuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. uBawo ondinike zona ungaphezu kwabo bonke; akukho namnye unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. Mna noBawo sibanye. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; Nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi? Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle; kungenxa yokunyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu, usuke uzenze uThixo. Wawaphendula uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? Ukuba uthe bona bangoothixo, àbafikelwa kubo ilizwi likaThixo, sibe ke sona isibhalo singenakwaphulwa; Nithi nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; Ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye. Abuya ngoko afuna ukumbamba; kodwa wasinda esandleni sabo. Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. Kweza babaninzi kuye, bathi, uYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; Bakholwa kuye, abaninzi apho.