UYOHANE 10:22-42

UYOHANE 10:22-42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni• kaSolomon. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,• sixelele ngokuphandle. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. Mna noBawo sibanye. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo? Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ùngumntu nje, usuke uzenze uThixo. Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? Ukuba úthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa), nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Ùyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye. Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo. Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene. Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.

UYOHANE 10:22-42 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem. UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.” Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.” Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?” Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?” Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’ Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo. Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye? Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela; kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.” AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha, wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona. Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.” Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.

UYOHANE 10:22-42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu wena, sixelele ngokuphandle. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. Nina anikholwa; ngokuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. uBawo ondinike zona ungaphezu kwabo bonke; akukho namnye unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. Mna noBawo sibanye. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; Nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi? Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle; kungenxa yokunyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu, usuke uzenze uThixo. Wawaphendula uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? Ukuba uthe bona bangoothixo, àbafikelwa kubo ilizwi likaThixo, sibe ke sona isibhalo singenakwaphulwa; Nithi nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; Ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye. Abuya ngoko afuna ukumbamba; kodwa wasinda esandleni sabo. Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. Kweza babaninzi kuye, bathi, uYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; Bakholwa kuye, abaninzi apho.

UYOHANE 10:22-42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU kwabako umtendeleko wokutwasiswa e‐Yerusaleme; bekububusika kanjalo. Waye u‐Yesu ebehamba etempileni entendelezweni ka‐Solomone. Andula ama‐Juda amngqonga, ati kuye: Uyasibamba sitandabuza kude kube ninina? ukuba unguye u‐Kristu, sixelele ekuhleni. Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ndanixelela, kanti anikolwa: imisebenzi endiyenzayo egameni LIKABAWO, yona le iyanqi̔na ngam: kuloko nina ningakolwayo; ngokuba ningezezakuzo izimvu zam, njengokuba bendisitsho kuni. Izimvu zam ziyaliva ilizwi lam, ndiyazazi zona, ziyandilandela mna: ndiyazinika nobomi obungunapakade; azisayi kubu̔ba ke napakade, akuyi kubako ozihlutayo esandleni sam kanjako. UBAWO ozinikileyo kum, umkulu kubo bonke; akuko namnye ongazihlutayo esandleni SIKABAWO. Mna NOBAWO sibanye. Andula ama‐Juda abuya acola amatye, ukuze amgibisele ngawo. Wati u‐Yesu ukuwapendula: Mininzi imisebenzi elungileyo endinibonisileyo ivela KUBAWO; kungenxa yawupina umsebenzi kuyo enindigibiselayo ngamatye? Ampendula ama‐Juda, esiti: Asikugibiseli ngamatye ngenxa yomsebenzi olungileyo, kungenxa yokugxeka u‐Tixo; nangokuba wena, ungumntu nje, uzenza UTIXO. Wati u‐Yesu ukuwapendula: Akuba̔liwe na emtetweni wenu ukutiwa: Ndite: Ningotixo? Ukuba abo wati bangotixo, abo ilizwi LIKATIXO leza kubo; (nesiba̔lo asingetshitshiswe;) lowo UYISE wamngcwalisayo wamtuma elizweni, niti nina ngaye na: Uyagxeka u‐Tixo; ngokuba ndite: Ndingunyana KATIXO? Ukuba andiyenzi imisebenzi KABAWO, ningakolwa ndim: kodwa ukuba ndiyayenza, nakuba ningakolwayo ndim, kolwani yimisebenzi leyo; ukuze nazi, nikolwe, ukuba UBAWO ukum, nokuba mna ndikuye. Abefuna ngoko kanjako ukumbamba; kanti wapuma esandleni sawo. Waza wemka wabuya waya pesheya kwe‐Yoredane, kulondawo apo u‐Johane ebebapitizesha kona ekuqaleni; wahlala kona ke. Baza abaninzi beza kuye, ababesiti: u‐Johane okunene akenza namnye ummangaliso; kodwa zonke ezozinto wazitetayo u‐Johane ngaye lo, zibe ziyinene. Baza bakolwa abaninzi kona kuye.